9. Awujikeleza ke loo mhlaba loo madoda, abhala echaza ukuba awahlule njani waziziqwenga ezisixhenxe, enza noludwe lwezixeko. Babuyela kuYoshuwa esikhululweni eShilo.
10. UYoshuwa wenza amaqashiso phambi koNdikhoyo, waza ke wazabela izizwe zakwaSirayeli ebezingekabi namhlaba iziqwenga zomhlaba, ewaba ngokwezindlu zazo.
11. Kwaqala kwaphuma iqashiso lommandla wezindlu zesizwe sakwaBhenjamin. Umhlaba wabo wawumi phakathi kwesizwe sakwaJuda nesakwaJosefu.
12. Ngasentla umda wabo wawuqala eJordan, unyuke loo mathambeka angasentla kweJeriko, wenjenjeya ukusinga ngasentshona, utyhutyha eleentaba, uye kuma ngentlango iBhete-aven.