Uyoshuwa 15:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. olwalungumda wangasentshonalanga.Ngaphakathi kwale mida kwakuhlala abantu bezindlu zikaJuda.

13. Inxalenye yommandla wakwaJuda wabelwa uKalebhi unyana kaJefune wesizwe sakwaJuda, ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuYoshuwa. Wabelwa iHebron, isixeko sika-Arbha, uyise ka-Anaki.

14. UKalebhi wayikhuphela ngaphandle kweso sixeko inzala ka-Anaki. YayinguSheshayi, uAhiman, noTalmayi.

15. Wesuka apho waya kuhlasela abantu ababehlala eDebhiri ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo.

16. UKalebhi wathi: “Intombi yam uAkesa ndoyendisela kumntu oya kuze ayihlasele ayithimbe iKiriyati-sefere.”

Uyoshuwa 15