11. Lo mda wawunyuka uye kwinduli engasentla kwe-Ekron, ujike ujonge eShikeron, udlule intaba iBhala, wenjenjeya ukusinga eYabheneli. Wawuhamba uyokuma ngolwandle
12. olwalungumda wangasentshonalanga.Ngaphakathi kwale mida kwakuhlala abantu bezindlu zikaJuda.
13. Inxalenye yommandla wakwaJuda wabelwa uKalebhi unyana kaJefune wesizwe sakwaJuda, ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuYoshuwa. Wabelwa iHebron, isixeko sika-Arbha, uyise ka-Anaki.