7. Wesuka kwangoko eGiligali uYoshuwa namagorha onke omkhosi wakhe.
8. Waza *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uze ungaboyiki. Sendibanikele esandleni sakho. Akukho nanye kwezo kumkani enokumelana nawe.”
9. UYoshuwa nomkhosi wakhe wahamba ubusuku bonke ukusuka eGiligali besiya eGibheyon, bafika bawaqubula ama-Amori.
10. UNdikhoyo wawenza adideka ama-Amori ukufika komkhosi wamaSirayeli. AmaSirayeli abaswantsulisa eGibheyon, abasukela ukunyuka inkalo yaseBhete-horon ukubheka eAzeka naseMakeda.
11. Ngeli xesha babaleka amaSirayeli ukuhla ithambeka, uNdikhoyo wabatyhumfuza ngesichotho konke ukwenjenjeya ukuya eAzeka. Abaninzi bafa sisichotho ngaphezu kokubulawa ngamaSirayeli.