Uyohane 20:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Babebaleka kunye, kodwa omnye umfundi lo wamshiya ngamendu uPetros, wafika kuqala engcwabeni.

5. Wathoba nje, wawabona amalaphu elinen, engakhange angene.

6. Wagaleleka noPetros, wangena engcwabeni. Wawabona amalaphu ephantsi.

7. Ilaphu uYesu awayebotshwe ngalo intloko, walibona lilodwa, lisongiwe.

8. Wangena ke naloo mfundi obefike kuqala engcwabeni. Akukhangela wakholwa.

9. Kaloku babengaliqondi ilizwi *leziBhalo elithi umelwe kukuba avuke ekufeni.

10. Baza ke bagoduka abafundi.

Uyohane 20