Uyohane 10:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Akuba ezikhuphile esibayeni iigusha zakhe, uhamba phambi kwazo, zize zimlandele, kuba ziyalazi izwi lakhe.

5. Omnye umntu azingekhe zimlandele. Zosuka zimbaleke, kuba azilazi izwi lowasemzini.”

6. UYesu wabenzela lo mzekeliso, kodwa bona babengayiqondi into awayeyithetha kubo.

7. Wabuya wathetha nabo uYesu, wathi: “Ndithi kuni, inene, ndim isango lesibaya seegusha.

8. Iigusha zange zibaphulaphule bonke abathe bafika ngaphambi kwam, kuba babengamasela nezihange.

9. Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele.

10. Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.

Uyohane 10