Uyohane 10:39-42 Ibhayibhile (XHO96)

39. AmaJuda azama kwakhona ukumbamba uYesu, kodwa wawaphepha,

40. wabuya wemka waya phesheya kweJordan, apho wayebhaptiza khona kuqala uYohane, wahlala khona.

41. Kweza abantu abaninzi kuye, bathi: “UYohane okunene akazange enze namnye umqondiso, kodwa konke awakuthethayo ngalo mntu kuyinyaniso.”

42. Abantu abaninzi ke balapho bazinikela kuye.

Uyohane 10