39. AmaJuda azama kwakhona ukumbamba uYesu, kodwa wawaphepha,
40. wabuya wemka waya phesheya kweJordan, apho wayebhaptiza khona kuqala uYohane, wahlala khona.
41. Kweza abantu abaninzi kuye, bathi: “UYohane okunene akazange enze namnye umqondiso, kodwa konke awakuthethayo ngalo mntu kuyinyaniso.”
42. Abantu abaninzi ke balapho bazinikela kuye.