Uyobi 31:18-22 Ibhayibhile (XHO96)

18. Kaloku ndayikhulisa njengoyise kwasebuntwaneni bayo,ndayondla ndayithantamisa kwasekuzalweni kwayo.

19. Ndakubona usizana oluze,oluhlwempuzeke kangangokuba lungabi nayo impahla yokunxiba,

20. bendilunika impahla eyenziwe ngoboya obuyimveliso yeegusha zam,lutsho lundincome luhambe lundidumisa.

21. Ngaba ndakha ndayivuyelela inkedamakuba ndiqhayisa ngokuyitshonisa nasenkundleni?

22. Xa kunjalo ke ngamana ndakroboka iingalo;akwaba zingancothuka emagxeni am.

Uyobi 31