10. Abantu bathetha ngam bendigxeka;bandimpakaza esidleleni ngengcikivo,bebonke badibana ngokundichasa.
11. UThixo undiyekele ngezaphula-mthetho,wandinikela ezandleni zezikhohlakali.
12. Mna bendingacingele nto, suka ke yena wandintlekeza,wandibamba ngobhongwana, wandiqwenga.Ewe, mna sendiyeyona nto ajolise kuyo.
13. Abeentolo bakhe bandirhawule;undincule izintso engenalusini,wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.
14. Undingxwelerhe wada wandiqusha;ufunzela kum okwejoni.