Uyobi 1:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. KwelaseUze kwakukho indoda egama linguYobi. Wayengumfo olungileyo engenabala, umfo omhlonelayo uThixo eyithiyile into embi.

2. Wayenoonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.

3. Wayefuyile eneegusha ezingamawaka asixhenxe, amawaka amathathu eenkamela, newaka leenkabi zeenkomo, needonki ezingamakhulu amahlanu. Ngokunjalo ke lo mfo wayenenyambalala yezicaka. Ke uYobi lo wayeyeyona ndoda isisinhanha kubo bonke abantu kwelasempuma.

4. Ke kaloku oonyana bakaYobi babedla ngokuqokelelana benze umbhiyozo endlwini yalowo yayiyimini yakhe. Babemema noodade babo abathathu ukuza kutya basele kunye nabo.

Uyobi 1