13. URute wathi: “Ngenene, mhlekazi, unenceba; undithobe uvalo xa wenjenje ukuthetha nam ngobubele, mna sicakakazi sakho, naxa ndingoyena unganeno nakwizicakakazi zakho.”
14. Kuthe xa kutyiwayo, uBhowazi wathi kuye: “Yiz' apha, uthathe isonka, usithi nkxu kwiwayini.” Ke uRute wahlala phantsi kunye neentombi ezingabavuni; waza uBhowazi wamnika ugcado, watya wahlutha, kwada kwasala.
15. Ubuye waya kubhikica kwakhona uRute. UBhowazi yena wayalela izicaka zakhe, wathi: “Ze nimyeke ningamnqandi nokuba selebhikica ngasezithungwini.
16. Ngaphaya koko ze nide nimrhutyele nasezithungwini ingqolowa, nishiye abhikice, ningamkhalimeli.”
17. Kwada kwatshona ilanga uRute ekhwahlaza. Uthe akuyibhula wafumana malunga neshumi leekhilogram zengqolowa.