Urute 1:20-22 Ibhayibhile (XHO96)

20. UNawomi yena wathi: “Sanukuthi Nawomi kum, yithini Mara, kuba wabenza bakrakra kum ubomi uSomandla.

21. Ekumkeni kwam apha ndandingenanto ndingenayo, kodwa ngoku uNdikhoyo undibuyisa ndiyimpula kalujaca. Nisatsholo ni ukuthi ndinguNawomi xa yena uNdikhoyo esuke wandicinezela nje – xa yena uSomandla esuke wandizisela iinkxwaleko?”

22. Kwaba njalo ke ukubuya kukaNawomi evela eMowabhi, ehamba nomolokazana wakhe uRute umMowabhikazi. Kwakuxa kanye kuqaliswa ukuvunwa kwerhasi ukufika kwabo eBhetelehem.

Urute 1