Urute 1:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Hayi bo, godukani, zintombi zam; noko sendaluphele ngoku ukuba ndingabuye ndende. Kambe ke nokuba bendisenalo ithemba ndide mhlawumbi ndende nokwenda ngokuhlwanje, ndide ndizale noonyana,

13. beningade nilinde bade bakhule, ningendeli kwabanye abantu? Hayi, zintombi zam, imeko yam ikrakra kuneyenu, kuba mna uNdikhoyo ngathi undifulathele.”

14. Babuya bathathisa kwakhona ukukhala oomolokazana bakaNawomi. UOrpa wamanga embulisa uninazala, kodwa yena uRute wathana nca noNawomi.

15. Wathi uNawomi: “Uyabona, umkhuluwakazi wakho ubuyele ebantwini bakhe nakoothixo bakhe. Nawe goduka kunye naye.”

16. Waphendula uRute wathi: “Sukundinyanzela usithi mandikushiye. Apho uya khona, nam ndiya kuya, ndiye kuhlala nalapho uhlala khona, amawenu abe ngamawethu, noThixo wakho abe nguThixo wam.

Urute 1