Uobhadiya 1:7-12 Ibhayibhile (XHO96)

7. Oogxa bakho bokududulela emideni.Izihlobo zokukhohlisa utsho woyisakale.Abo ubusidla kunye nabo bokugcayisela,kodwa sobe uyiqonde loo nto.”

8. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Mhla ndamohlwaya uEdomndozitshabalalisa izilumko zakhe,kungabikho mntu uqiqayo kwezo ntaba zakwaEsawu.

9. Ke wona amadoda omkhosi waseTeman osuka arhwaqele;bonke abakwiintaba zakwaEsawu baya kunqunyulwa babulawe.

10. Ngenxa yobundlobongela obenze kumntakwenu,nditsho umninawe wakho onguYakobi,ihlazo liya kukugubungela,utshatyalaliswe ngonaphakade.”

11. “Ngaloo mini wena wema bhuxengeli xesha utshaba luthath' ubutyebi.Iintlanga zangena emasangweni,zenza *amaqashiso ngeJerusalem,suka wena waba njengomnye wazo.

12. Akwaba ubungamdelanga umntakwenu,nditsho ngemini yakhe yelishwa.Akwaba ubungagcobanga ngenxa kaJudangemini yakhe yentshabalalo.Akwaba ubungaqholosangamhla lalibhek' umoya kuye.

Uobhadiya 1