Umsebenzi Wabathunywa 8:19-23 Ibhayibhile (XHO96)

19. esithi: “Nam ndipheni la mandla; khon' ukuze nabani na endimbeke izandla afumane uMoya oyiNgcwele.”

20. Waphendula wathi uPetros: “Hamb' uye kufa kunye naloo mali yakho, kuba ucinga ukuba isipho sesisa sikaThixo singathengwa ngemali!

21. Akunanxaxheba kulo msebenzi wethu, kuba iingcinga zakho azilunganga phambi koThixo.

22. Guquka kule nkohlakalo yakho, uthandaze ukuba uThixo akuxolele ngale nto inje,

23. kuba ndiyabona ukuba unekratshi elilizothe, waye ulikhoboka lokungcola.”

Umsebenzi Wabathunywa 8