Umsebenzi Wabathunywa 4:26-29 Ibhayibhile (XHO96)

26. Iikumkani neziphathamandla zelizwe zahlangana,zavukela iNkosi *noKrestu wayo!’

27. “Kuba ngenene uHerode noPilato bahlangana kwesi sixeko kunye neentlanga, namaSirayeli, ngaye uYesu isiCaka sakho osinyulileyo, uMthanjiswa wakho.

28. Bahlangana ukuze bakwenze konke owawuselukumisele ngegunya nentando yakho ukuba kuya kwenzeka.

29. Kalokunje, Nkosi, zigqale izoyikiso zabo; thina zicaka zakho usenze siluthethe udaba lwakho ngesibindi.

Umsebenzi Wabathunywa 4