Umsebenzi Wabathunywa 28:16-19 Ibhayibhile (XHO96)

16. Sakufika eRoma, wavunyelwa ukuba azihlalele endlwini yakhe uPawulos, kubekho ijoni elimgadileyo.

17. Emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wawabizela entlanganisweni amaJuda aziintloko alapho. Akuba ehlanganisene, wathi: “Mawethu, nakuba ndingabonanga nganto nje abantu bakowethu, ndingawatyeshelanga namasiko ookhokho, ndabanjwa kambe eJerusalem, ndaza ndanikelwa kumaRoma.

18. Andincina, aza afuna ukundikhulula, akungafumani tyala ndingabulawa ngenxa yalo.

19. Kodwa amaJuda aluchasa olu luvo, ndaza ke ndanyanzeleka ukuba ndibhenele *kuKhesare, nangona ndandingenasimangalo ndingasenzayo ngakubantu bakowethu.

Umsebenzi Wabathunywa 28