21. Sesi sizathu ke esabangela ukuba amaJuda andihlasele endlwini kaThixo, efuna ukundibulala.
22. Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo *abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis,
23. le yokuba uKrestu umelwe kukuva ubunzima, aze abe ngowokuqala ukuvuka kwabafileyo, avakalise ukuvela komsobomvu wosindiso kumaJuda nasezintlangeni.”
24. Wathi uPawulos esazithethelela njalo, uFesto wakhwaza wathi: “Uphambene, Pawulos! Imfundo eninzi iyakuphambanisa!”