Umsebenzi Wabathunywa 26:18-21 Ibhayibhile (XHO96)

18. ukuba uvule amehlo azo, uziguqule ziphume ebumnyameni, zize ekukhanyeni, ziphume egunyeni likaSathana, zize kuThixo, ukuze zithi ngenxa yokuzinikela kum zixolelwe izono zazo, futhi zizuze indawo phakathi kwabantu bakaThixo abanyuliweyo.’ ”

19. “Ngoko ke, kumkani Agripa, ndawuthobela umbono lowo wawuvela ezulwini.

20. Ndaqala eDamasko ndaya eJerusalem, nakuwo wonke umhlaba wakwaJuda, nakweleentlanga, ndashumayela ukuba baguquke, beze kuThixo, benze izinto ezibonakalisayo ukuba baguqukile.

21. Sesi sizathu ke esabangela ukuba amaJuda andihlasele endlwini kaThixo, efuna ukundibulala.

Umsebenzi Wabathunywa 26