Umsebenzi Wabathunywa 2:33-37 Ibhayibhile (XHO96)

33. Njengoko anyuselwe ewongeni kuThixo, wamkele uMoya oyiNgcwele, lowo wathenjiswayo nguYise. Le nto ke niyibonayo niyivayo ngoku kukugalelwa kwaloo Moya kuthi.

34. Kaloku uDavide akanyukelanga ezulwini yena ngokwakhe, koko uthi:“ ‘INkosi yathi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga

35. lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’

36. “Ngenxa yoko qinisekani, mzi kaSirayeli, ukuba lo Yesu enambethelela emnqamlezweni, uThixo ummisele wayiNkosi *ekwanguKrestu.”

37. Yabahlabanisela kakhulu intetho kaPetros abantu, bakuba beyivile; baza bathi kuPetros *nabathunywa ababenaye: “Kufuneka senze ntoni, mawethu?”

Umsebenzi Wabathunywa 2