Umsebenzi Wabathunywa 19:32-36 Ibhayibhile (XHO96)

32. Kwangeli xesha ke intlanganiso xa iyonke yayisisiphithi-phithi nje. Kaloku abanye babekhwaza bethetha le, bambi bekhwaza bethetha leya; kuba kaloku uninzi lwaluhamba nje nezihlwele, lungazi nokuba indibano le yeyantoni na.

33. Abanye abantu bamchazela ngale nto yenzekayo uAlesandire, kuba amaJuda ayegqatse yena phambili. UAlesandire wawangawangisa ngesandla ukuba kuthi cwaka, efuna ukulamla.

34. Kodwa bathi bakumqonda ukuba ungumJuda, batsho ngazwinye, besenza intswahla, bekhwaza, bephinda-phinda besithi: “Mkhulu uArtemis wamaEfese!” Kwada kwaphela iiyure ezimbini besenza loo nto.

35. Kwathi ngelikade unobhala wedolophu wada wanako ukusithomalalisa isihlwele. Wathi: “MaEfese, wonke ubani uyazi ukuba le dolophu yase-Efese ngumgcini wendlu yesikhulukazi uArtemis, nowomfanekiso oqingqiweyo owavela ezulwini.

36. Akukho bani unako ukuziphikisa ezi zinto. Ngoko ke zolani, ningenzi nto ngokungakhathali.

Umsebenzi Wabathunywa 19