27. Ke ngoko sinithumela uJudas noSilas abaya kunichazela ngokwabo ezi zinto kanye sizibhalileyo.
28. Thina samkele isigqibo soMoya oyiNgcwele sokuba singanithwalisi bunzima bumbi ngaphandle kwale migaqo ibalulekileyo:
29. Musani ukuyitya into ebingelelwe kwizithixo, nenyama enegazi, nesilo esikrwitshiweyo; nizigcine nyulu ekurheletyeni. Niya kuba niyakholisa xa nizilumlayo kwezo zinto. Salani kakuhle.”
30. Izigidimi ezo zandululwa, zasinga eAntiyokwe, apho zafika zawahlanganisa amakholwa, zawanika incwadi leyo.