41. “ ‘Khangelani, nina bagxeki, nimangaliswe nife;kuba umsebenzi endiwenza ngemihla yenuyinto eningayi kukholwa yiyonokuba ubani uthe wanichazela.’”
42. Xa bayishiyayo intlanganiso ooPawulos noBharnabha, abantu babamema ukuba ze beze kwakhona ngoMhla wokuPhumla olandelayo, ukuze baphinde babafundise.
43. Emveni kokuphuma kwentlanganiso, uPawulos noBharnabha balandelwa sisihlwele samaJuda neentlanga eziguqukele ebuJudeni, baza basikhuthaza ukuba sibambelele ngenyameko kuThixo onesisa.
44. NgoMhla woPhumlo olandelayo phantse wonke umntu osedolophini weza kuphulaphula ilizwi leNkosi.
45. Akuyibona le nkitha yabantu, amaJuda azala ngumona, amphikisa amnyelisa uPawulos.