8. Saqhuba sathi: “Bhinqa, unxibe iimbadada zakho.” Wenjenjalo ke uPetros, saza saphinda isithunywa eso sathi: “Yambatha, undilandele.”
9. Wasilandela ke uPetros, baphuma entolongweni. Wayengekaqondi ukuba iyinene le nto yenziwa sisithunywa seNkosi; wayeba uyaphupha.
10. Babagqitha abalindi bokuqala nabesibini, baza ekugqibeleni bafika kwisango lentsimbi elivulela edolophini. Lavuleka ngokwalo isango, baphuma ke. Bathi besehla ngesitalato sesuka see shwaka isithunywa eso.
11. Akuqabuka ebuthongweni uPetros wathi: “Ngoku ndiyazi ukuba ngenene le nto yinyaniso! INkosi isithumele isithunywa sayo, sandihlangula egunyeni likaHerode, nakuzo zonke izinto amaJuda ebenqwenela ukuzenza kum.”
12. Akuyiqonda le nto yenzekileyo uPetros waya emzini kaMariya, unina kaYohane Marko. Kwakukho abantu abaninzi apho, bethandaza.
13. Wankqonkqoza emnyango, kwaza kwaya intombazana egama linguRoda,
14. eyathi yakuliva ilizwi likaPetros, yasuka yajika ngenxa yovuyo ingamvulelanga, yaya kuxela ukuba nguPetros lo unkqonkqozayo.