27. Ngelo xesha kwesuka *abashumayeli abathile eJerusalem baya eAntiyokwe.
28. Omnye wabo ogama linguAgabho, ezele nguMoya oyiNgcwele, wayixela kwangaphambili indlala eyayiza kubakho kuwo wonke umhlaba. Yona ke yafika ngexesha *likaKhesare Klawudiyo.
29. AmaKrestu agqiba ekubeni ulowo nalowo kuwo makaqwebele inkxaso yamakholwa akwelakwaJuda kangangoko anako.
30. Le nto ke bayenza, baza ke imali leyo bayithumela kubadala bebandla ngoBharnabha noSawule.