Umika 6:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Phulaphulani oko *uNdikhoyo akuthethayo:“Phakama uxoxe, zive neentaba;neenduli mazilive ilizwi lakho.

2. Kuveni ukubambana kukaNdikhoyo, zintaba.Phulaphulani, ziseko ezingatshitshiyo zehlabathi.UNdikhoyo ubabeka ityala abantu bakhe;ewe, ubeka isityholo kuSirayeli.

3. “Ngaba ndinenze ntoni, bantu bam?Kodwa-kodwa ndinidinise ngantoni?Hayi kaloku, ndiphenduleni!

4. Andithi ndanikhupha kwelaseJiputa;ndanikhulula kwilizwe lobukhoboka;ndaninika uMosis ukuba anikhokele,enoAronMfud 4:10-16 noMiriyam?

5. Bantu bam, senikulibele na ukucetyiswa kukaBhalaki ukumkani waseMowabhi?Aniyikhumbuli na impendulo kaBhalam unyana kaBhehore?Zona izigigaba zaseShitim naseGiligali?Yiqiqeni imisebenzi elungileyo kaNdikhoyo.”

6. Ndoya nantoni kodwa phambi *koNdikhoyo?Ndokhahlela ndinantoni kuThixo uPhezukonke?Ngaba ndoya namadini atshiswayo,ndiye namathole anyaka mnye?

7. Ngaba uNdikhoyo wokholiswa na ngamawaka-waka eenkunzi zeegusha,nangawo amawaka alishumi emilambo yamafutha omnquma?Ubugwenxa bam ndingabungxengxezela na ngezibulo lam,isono sam ngesiqhamo somzimba wam?

Umika 6