7. Iziqhwala ndozenza amasalela,iimbacu zibe sisizwe esomeleleyo,uNdikhoyo abalawule kwintaba iZiyonkusukela ngaloo mini kuse ephakadeni.
8. Ke wena, nqaba yemboniselo yomhlambi,wena nduli, ntombindini eyiZiyon,wowubuyiselwa umbuso wamandulo;ewe, ubukhosi bobuyiselwa kwintombi eyiJerusalem.”
9. Ngani ke ukuba ubhomboloze?Ngaba akunaye ukumkani?Ngaba akusenalo na iphakathi,sowupena-pena nje ngokungathi ngumfazi efunyenwe yinimba?
10. Pinyalaza uncwine, ntombindini eyiZiyon,ube ngathi ngumfazi mhla ngenimba,kuba uyaphuma ngoku kwesi sixeko.Uza kuhlala empenge-mpengeni.Uza kuya kwelaseBhabheliapho uya kuhlangulwa khona.Uya kukhululwa nguNdikhoyo khona,akukhuphe esandleni seentshaba zakho.
11. Ngoku ke zininzi izizwe ezihlanganisene ngawe.Zithi: “Ewe, mayixabheleke iZiyon,amehlo ethu akubone oko.”
12. Kodwa ke bona abazazi iingcinga zikaNdikhoyo,necebo lakhe abaliqondi.Yena ubaqokelela njengezithunguingqolowa xa isiya kubhulwa.