Umika 1:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafikela uMika waseMoreshete ngemihla kaJotam noAhazi noHezekiya, ookumkani bakwaJuda, awalibonayo ngokusingisele kwiSamariya neJerusalem:

2. Yivani, nina nonke zizwe;phulaphulani, mhlaba nabo bonke abemiyo kuwo.*UNdikhoyo uSomandla unika ubungqina ngawe;yena uthetha esendlwini yakhe engcwele.

3. Nanko ephuma ekhayeni lakhe;ewe, nanko esiza ehamba ezindaweni eziphakamileyo.

4. Uya kunyathela iintaba zitsho zinyibilike,zibe ngathi ngumthwebeba emlilweni.Uya kunyathela iintili zitsho zimke,kube ngathi kuhl' iimpuphuma zamanzi ethambekeni –

Umika 1