25. Bakuba bonke bekhutshiwe endlwini, uYesu wangena, wabamba isandla sentombazana leyo, wayivusa.
26. Yaduma loo nto kuwo wonke loo mmandla.
27. UYesu wemka apho, kwathi edlula walandelwa ziimfama ezimbini, zikhwaza zisithi: “Nyana kaDavide, senzele inceba.”
28. Akungena endlwini uYesu, zeza kuye iimfama ezo, waza uYesu wathi kuzo: “Niyakholwa na okokuba ndinako ukukwenza oku?”Zaphendula zathi: “Ewe, Nkosi.”
29. Waza uYesu wawachukumisa amehlo azo, esithi: “Makwenzeke kuni ngokokholo lwenu.”
30. Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kakhulu, esithi: “Lumkani kungàziwa mntu oku.”
31. Kodwa zona zemka zazibhengeza iindaba ezingoYesu kuwo wonke loo mmandla.
32. Ukuphuma kwazo ezi mfama, nako kufika isimumu esiphethwe yindimoni, siziswa kuYesu.