Umatewu 5:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba nguThixo bona!

8. Banoyolo abo bantliziyo ihlambulukileyo, kuba baya kumbona uThixo bona!

9. Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

10. Banoyolo abo batshutshiswayo ngokuba besenza ubulungisa, kuba balawulwa nguThixo bona!

11. “Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.

Umatewu 5