Umatewu 5:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.

12. Vuyani ke, nigcobe, kuba ninomvuzo omkhulu ezulwini. Kakade babesenjenjalo abantu ukubatshutshisa *abashumayeli ababekho ngaphambi kwenu.”

13. “Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu.

14. “Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.

15. Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini.

16. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.”

Umatewu 5