Umatewu 3:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Babephuma besiya kuye abantu baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabommandla wonke waseJordan.

6. Babezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan.

7. Ke kaloku, akubona into eninzi *yabaFarasi *nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, uYohane wathi kubo: “Nzalandini yamarhamba, ngubani na onilumkisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?

8. Ke ngoko velisani iziqhamo ezifanele inguquko.

9. Ze ningafane nithi: ‘Siyinzala ka-Abraham.’ Ndiyanixelela mna, uThixo unako kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.

Umatewu 3