Umatewu 27:38-42 Ibhayibhile (XHO96)

38. Kunye naye kwabethelelwa nezihange ezibini eminqamlezweni, esinye ngasekunene esinye ngasekhohlo.

39. Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko,

40. besithi: “Wena ochitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise, ukuba unguye uNyana kaThixo. Yihla emnqamlezweni.”

41. Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngaye, bekunye nabachazi-mthetho namadoda amakhulu, besithi:

42. “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. Ukuba únguKumkani wakwaSirayeli makehle kaloku emnqamlezweni; sothi ke sikholwe kuye.

Umatewu 27