Umatewu 27:18-24 Ibhayibhile (XHO96)

18. Watsho kuba esazi ukuba bamnikele ngomona uYesu.

19. Kwathi, uPilato ehleli esihlalweni sokugweba, inkosikazi yakhe yathumela kuye, isithi: “Uze ungamenzi nto loo mntu ulilungisa. Andonwabanga mpela namhlanje ngenxa yephupha endiliphuphe ngaye.”

20. Ke bona ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu basifunza isihlwele ukuba sicele uBharabha, yena uYesu atshatyalaliswe.

21. Yabuza irhuluneli yathi kuso: “Nguwuphi na kwaba babini enifuna ndinikhululele yena?”Sathi sona: “UBharabha.”

22. UPilato wathi kuso: “Ndimenze ntoni na ke uYesu ekuthiwa nguKrestu?”Isihlwele sonke sathi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”

23. Kodwa yena wathi: “Ngenxa yokuba enze bubi buni na?”Kodwa kwaba kokukhona isihlwele sidanduluka ngakumbi sisithi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”

24. UPilato, akubona ukuba akuncedi nto, kungathi kungasuka kubekho isiphithi-phithi, uthathe amanzi, wahlamba izandla zakhe phambi kwesihlwele, esithi: “Ndimsulwa egazini lalo mntu. Ziboneleni ngokwenu.”

Umatewu 27