Umatewu 26:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Xa uYesu wayewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe:

2. “Niyazi ukuba emva kweentsuku ezimbini iza kuba *yiPasika. Wothi ke *uNyana woLuntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.”

3. Ngelo xesha ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babehlanganisene emzini kaKayafa, umbingeleli omkhulu.

4. Babebhunga iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale.

Umatewu 26