29. Wasuka waphendula wathi: ‘Andicingi.’ Kodwa kamva wazohlwaya, waya.
30. UYise lowo wathetha kwaloo nto nakomnye unyana, waza yena wathi: ‘Ewe, tata.’ Kodwa àkaya.
31. Khanitsho, nguwuphi kwaba bantwana oyenzileyo intando kayise?”Baza bathi: “Ngowokuqala.”Ke uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, abaqokeleli-rhafu namahenyukazi baxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo ningekabuva nina.
32. Kaloku uYohane weza kuni ekweyona ndlela iyiyo, naza nina ànamamkela. Ke bona abaqokeleli-rhafu namahenyukazi bâmamkela. Naxa nakubonáyo oko, anizange nide nizohlwaye, nimamkele.”