24. UYesu wabaphendula esithi: “Nam ndiya kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
25. Ngaba igunya likaYohane lokubhaptiza laliphuma ezulwini, okanye laliphuma ebantwini?”Baxoxa ke bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Laliphuma ezulwini,’ wothi: ‘Bekungani na phofu ukuba ningàkholwa kuye?’
26. Kodwa ukuba sithe: ‘Laphuma ebantwini,’ soyika isihlwele kuba bonke bathi uYohane *ungumshumayeli.”
27. Baphendula bathi kuYesu: “Asazi.”Waza yena wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”
28. “Kwakukho umntu enoonyana ababini. Wathi kowokuqala: ‘Mntanam, yiya kusebenza esidiliyeni namhlanje.’
29. Wasuka waphendula wathi: ‘Andicingi.’ Kodwa kamva wazohlwaya, waya.
30. UYise lowo wathetha kwaloo nto nakomnye unyana, waza yena wathi: ‘Ewe, tata.’ Kodwa àkaya.