Umatewu 21:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Izihlwele zathi: “Lo *ngumshumayeli uYesu waseNazarete eGalili.”

12. UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa;

13. waza wathi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenze umqolomba wezihange.”

14. Beza kuye ke endlwini kaThixo apho abaziimfama nabaziziqhwala, waza wabaphilisa.

15. Bona ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho bahlabeka bakuyibona imimangaliso ayenzayo, bebona nabantwana endlwini kaThixo bekhwaza besithi: “Camagu! Nyana kaDavide!”

16. Baza ke bathi kuYesu: “Uyayiva na le nto bayithethayo aba?”UYesu wathi kubo: “Ewe. Aniyifundanga na eziBhalweni indawo ethi: ‘Wênza ukuba udunyiswe ngabantwana naziintsana.’”

Umatewu 21