11. Izihlwele zathi: “Lo *ngumshumayeli uYesu waseNazarete eGalili.”
12. UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa;
13. waza wathi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenze umqolomba wezihange.”
14. Beza kuye ke endlwini kaThixo apho abaziimfama nabaziziqhwala, waza wabaphilisa.
15. Bona ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho bahlabeka bakuyibona imimangaliso ayenzayo, bebona nabantwana endlwini kaThixo bekhwaza besithi: “Camagu! Nyana kaDavide!”
16. Baza ke bathi kuYesu: “Uyayiva na le nto bayithethayo aba?”UYesu wathi kubo: “Ewe. Aniyifundanga na eziBhalweni indawo ethi: ‘Wênza ukuba udunyiswe ngabantwana naziintsana.’”