Umatewu 20:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nomninimzi owaphuma kusasa, waya kuqesha abantu bokusebenza esidiliyeni sakhe.

2. Akuba evumelene nabo ukubanika loo mali baqhele ukuyamkela ngemini, wabathumela ke esidiliyeni sakhe.

3. Emva kwexesha uphinde waya ebaleni lembutho, wabona amanye amadoda emi apho engasebenzi,

4. waza wathi kuwo: ‘Nani yiyani kusebenza esidiliyeni sam. Ndonamkelisa umvuzo ofanelekileyo.’

5. Aya ke. Uphinde wenjenjalo nasemini, nasemva kwemini.

Umatewu 20