13. Kwaziswa abantwana kuYesu, ukuba ababeke izandla, abathandazele. Basuka abafundi bakaYesu babakhalimela abo babezisa abantwana;
14. waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”
15. Wababeka izandla abantwana, wemka.
16. Kwabonakala mntu uthile esiza kuYesu, wathi: “Mfundisi, ndingenza ntoni ilungileyo ukuze ndibe nobomi obungunaphakade?”
17. UYesu wathi kuye: “Kutheni ukuba undibuze ngokulungileyo? Mnye kuphela olungileyo. Ukuba ufuna ukubudla ubomi, yigcine imiyalelo.”
18. Waza wathi: “Yiyiphi le miyalelo?”UYesu wathi: “Yile ithi: Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki,
19. beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”
20. Ke umfana lowo wathi kuYesu: “Zonke ezi zinto ndazigcina. Ngaba kusafuneka ndenze ntoni na?”
21. UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”