13. Kwaziswa abantwana kuYesu, ukuba ababeke izandla, abathandazele. Basuka abafundi bakaYesu babakhalimela abo babezisa abantwana;
14. waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”
15. Wababeka izandla abantwana, wemka.
16. Kwabonakala mntu uthile esiza kuYesu, wathi: “Mfundisi, ndingenza ntoni ilungileyo ukuze ndibe nobomi obungunaphakade?”