17. Ukuba úthe akabeva nâba, xelela ibandla. Ukuba ke úthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengâbo ungenabudlelane nabo mpela.
18. “Ndithi kuni, inene, konke enithe nakubopha emhlabeni, kuya kubotshwa nasezulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kuya kukhululwa nasezulwini.
19. “Kananjalo ndithi kuni, ukuba ababini kuni bathe bavana emhlabeni nangayiphi na indawo abanesicelo ngayo, baya kuyenzelwa nguBawo osezulwini;
20. kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.”
21. Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?”