Umatewu 18:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngelo xesha abafundi bakaYesu beza kuye, babuza besithi: “Nguwuphi oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo?”

2. UYesu wabizela umntwana kuye, wammisa phambi kwabo,

3. wathi: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga nijike nibe njengabantwana, anisoze nifikelele kumgangatho wabalawulwa nguThixo.

4. Oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixoOkanye “oyena mkhulu ebukumkanini bezulu” ngulowo uzithobayo abe njengalo mntwana.

Umatewu 18