14. Bakubuyela esihlweleni, kweza indoda kuYesu, yaguqa phambi kwakhe,
15. yathi: “Nkosi, menzele inceba unyana wam. Uphethwe kakubi sisithuthwane. Usoloko esiwa emlilweni okanye emanzini.
16. Ke bendimzisile kubafundi bakho, kodwa àbaba nako ukumphilisa.”
17. Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingàkholwayo, esigwenxa, koda kube nini ndinani, ndininyamezele? Mziseni apha kum!”
18. Wayikhalimela uYesu indimoni leyo, yaza yaphuma kumntwana lowo, waphila kwangoko.
19. Abafundi bakaYesu bêza kuye bucala, bathi: “Bekutheni kakade ukuze thina singabi nako ukuyikhupha le ndimoni?”