Umatewu 15:10-12 Ibhayibhile (XHO96)

10. UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde.

11. Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto azithetha ziphume kuye ngomlomo ezimngcolisayo.”

12. Basondela kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Uyazi nje ukuba *abaFarasi bakhutyekisiwe yintetho yakho?”

Umatewu 15