24. Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweSodom kunokwenu.”
25. Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndiyakudumisa, wena Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana.
26. Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.
27. “Zonke izinto ziphathiswe mna nguBawo; kananjalo akukho bani umaziyo uNyana, ngaphandle koYise, kungekho bani umaziyo uYise ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.
28. “Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.
29. Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu,
30. kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.”