Umarko 8:27-32 Ibhayibhile (XHO96)

27. Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya ezidolophini zaseKhesariya-Filipi. Endleleni wababuza abafundi bakhe esithi: “Ngaba abantu bathi ndingubani na?”

28. Bamphendula besithi: “Kuthiwa ùnguYohane umbhaptizi. Abanye bathi ùnguEliya. Kanti abanye bathi ùngomye *wabashumayeli.”

29. Wathi ke yena kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”Waphendula uPetros esithi kuye: “Wena unguye *uKrestu.”

30. UYesu ke wabayala ukuba bangaxeleli bani ngaye.

31. Waqala ke uYesu ukubafundisa abafundi bakhe, esithi: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.”

32. Wakuthetha oku kubo ngokucacileyo. UPetros ke, emse ngasese uYesu, wamkhalimela.

Umarko 8