Umarko 8:13-15 Ibhayibhile (XHO96)

13. Wabashiya, waphinda wakhwela esikhitshaneni, wemka waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.

14. Abafundi babelibele ukuphatha izonka, benesonka esinye kuphela esikhitshaneni.

15. Wabayala uYesu esithi: “Ligqaleni nililumkele igwele labaFarasi negwele likaHerode.”

Umarko 8