Umarko 7:26-31 Ibhayibhile (XHO96)

26. Lo mfazi, ontetho yayisisiGrike, wayengumSirofenikazi ngokuzalwa. Wabongoza uYesu ukuba ayikhuphe kwintombazana yakhe indimoni leyo.

27. Wathi ke uYesu kuye: “Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala. Kaloku akufanelekanga ukuba ukutya kwabantwana kunikwe iinjana.”

28. Waphendula yena wathi kuye: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana eziphantsi kwetafile zitya imvuthuluka yokutya kwabantwana.”

29. Waza wathi kuye uYesu: “Ngenxa yokuthethileyo, hamba uhambe: indimoni iphumile kwintombazana yakho.”

30. Egodukile ke, wayifumana intombazana yakhe ingqengqe ebhedini, iphumile indimoni.

31. UYesu ke waphuma emideni yaseTire, wadlula eSidon, waya kuLwandle lwaseGalili, ecanda kweleeDolophu eziliShumi.

Umarko 7