Umarko 3:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Waphinda uYesu wangena *endlwini yesikhungo. Apho kwakukho umntu owayome isandla.

2. Babemlalele ke befuna ukubona ukuba womphilisa na *ngoMhla woPhumlo, ukuze bammangalele.

3. UYesu wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.”

4. Waza wathi kubo: “Okuvumelekileyo ngoMhla woPhumlo kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi; kukuphilisa, kukubulala; kusini na?”Kwathi cwaka.

5. Akuba ebasingasingile, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo, wathi kumntu lowo: “Solule isandla sakho.” Wasolula, saza saphila isandla sakhe.

6. Kwangoko ke baphuma *abaFarasi, baya kubhunga *namaHerode, becebisana ngokubulala uYesu.

7. Wemka uYesu, enabafundi bakhe, waya elwandle. Yamlandela inkitha yabantu, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaJuda,

8. naseJerusalem, nase-Edom, naphesheya kweJordan, nakwimimandla yeTire neSidon. Loo nkitha ininzi yeza kuYesu, kuba yayivile ngemimangaliso yakhe.

Umarko 3